1 Ke kaloku uSamson wehla waya eTimna, waza ke apho wabona enye yeentombi zamaFilistiya.
2 Akugoduka wathi kuyise nonina: “Ndibone intombi yomFilistiya eTimna; ke ndithatheleni yona ibe ngumfazi wam.”
3 Uyise nonina bathi: “Ngani ukuba ude uye kuthatha umfazi kumaFilistiya angalukiyo? Bekungasekho zintombi na apha phakathi kwamawethu?”Kambe ke uSamson wathi: “Ndithatheleni yona, kuba ikuphela kwentombi endifaneleyo.”
4 Uyise nonina babengaqondi ukuba le nto inomnwe kaThixo; kaloku uThixo wayefuna isizathu sokulwa namaFilistiya. Ngelo thuba kaloku amaSirayeli ayephantsi kwamaFilistiya.
5 USamson wahamba noyise nonina, baya eTimna. Ngasezidiliyeni zaseTimna ke uSamson wabona igatyana lengonyama ligquma lisiza ngakuye.
6 Suka ke yena wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, waza ke waliqwenga ngathi uqwenga itakane lebhokhwe. Kambe ke akabaxelelanga abazali bakhe ngale nto.
7 Wahamba ke uSamson, waya kuthetha nentombi leyo, yaza ke yamkholisa.