5 USamson wahamba noyise nonina, baya eTimna. Ngasezidiliyeni zaseTimna ke uSamson wabona igatyana lengonyama ligquma lisiza ngakuye.
6 Suka ke yena wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, waza ke waliqwenga ngathi uqwenga itakane lebhokhwe. Kambe ke akabaxelelanga abazali bakhe ngale nto.
7 Wahamba ke uSamson, waya kuthetha nentombi leyo, yaza ke yamkholisa.
8 Emva kwethutyana ke waya kuyithatha ibe ngumfazi wakhe. Apho endleleni ke wakha wacebuka, kuba efuna ukuqonda ngaloo ngonyama wayeyibulele. Suka ke wayifumana selilibubu leenyosi elinobusi.
9 Waphakula ubusi apho ke kuyo, wahamba ebutya; waphathela noyise nonina. Kambe ke akabaxelelanga ukuba ubusi obo ubuphakule kwisidumbu sengonyama.
10 Uyise ke waya apho ebukhozini bakhe, waza yena uSamson wenza umbhiyozo khona, njengoko elo yayilisiko ababeqhuba ngalo abafana.
11 Athe ke akumbona amaFilistiya athumela amashumi amathathu abafana ukuba abe kunye naye.