8 La madoda ke athi akubuyela ekhaya eZora nase-Eshtawoli abuzwa ngamawawo kwathiwa: “Ibinjani na ihambo?”
9 Ke wona aphendula athi: “Yizani, mawethu, masiye kuyihlasela iLayishe. Siwubonile laa mhlaba; mhle kakhulu. Ngoko ke sanukuba salibazisa; masithathe khona siye, siwohluthe laa mhlaba!
10 Nakufika khona niya kufumanisa ukuba abantu bakhona bazihlalele nje, abanaxhala lanto. Ewe, ilizwe elo lithe gabalala; mayela neentswelo zomntu kukwanto zilungile, ibe ke uThixo ulinikele kuni.”
11 Apho ke eZora nase-Eshtawoli amaDan akhupha umkhosi wamadoda angamakhulu amathandathu.
12 Enyuka aya kumisa entshona yeKiriyati-yarim kwelakwaJuda. Ngenxa yeso sizathu ke loo ndawo isabizwa ngokuba yiMarhane-dan unangoku.
13 Loo mkhosi ke waphuma apho, waya kutsho kwaMika kweleentaba lakwaEfrayim.
14 Ke ezaa ntlola zintlanu zaziye kuhlola elo lizwe zada zaya kufika eLayishe, zathi kumawazo: “Ngaba benisazi na ukuba kwenye yezi zindlu kukho umfanekiso oqingqwe ngomthi watyatyekwa ngesiliva? Kukwakho nomnye umfanekiso otyhidiweyo, kunye *nemilonde-khaya, ndawonye *nesidanga. Niyayazi ke into emayenziwe!”