10 Ke kaloku uOteniyeli wonganyelwa nguMoya kaNdikhoyo, waza waba yinkokheli yamaSirayeli. UOteniyeli waya emfazweni, wathiwa jize ngoloyiso nguNdikhoyo, wamoyisa ukumkani uKushan-rishatayim waseAram.
11 Kwalandela amashumi amane eminyaka yoxolo ke apho, wada wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
12 Aphinda amaSirayeli akreqa *kuNdikhoyo. Ngenxa yeso sizathu ke uNdikhoyo womeleza uEglon ukumkani wamaMowabhi, waqina kunawo.
13 UEglon ke wadibana nama-Amon nama-Amaleki, baza bawahlasela amaSirayeli, basithatha isiXeko samaSundu.
14 AmaSirayeli ke aba phantsi koEglon ukumkani wamaMowabhi iminyaka elishumi elinesibhozo.
15 Aphinda amaSirayeli akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi uEhudi, inxele, unyana kaGera wendlu kaBhenjamin. AmaSirayeli athumela uEhudi kukumkani uEglon waseMowabhi, emphathele umrhumo.
16 Ke uEhudi wazenzela isabile ebazwe macala, ingamashumi amahlanu eesentimitha ubude. Wayibophelela kwithangá lakhe lasekunene phantsi kwempahla.