4 Zashiyelwa ukuba kuvavanywe amaSirayeli, khon' ukuze acace ukuba azimisele na ukuyithobela imimiselo eyanikezelwa nguNdikhoyo kookhokho bawo ngoMosis.
5 Ngoko ke amaSirayeli ema phakathi kwamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.
6 AmaSirayeli endiselana nazo ezi ntlanga, anqula *nezithixo zazo.
7 AmaSirayeli amlibala *uNdikhoyo uThixo wawo, akreqa kuye, anqula ooBhali nooAshera.
8 Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, waza wawayekela ngokumkani uKushan-rishatayim waseAram-naharayim, wawoyisa, aba phantsi kwakhe iminyaka esibhozo.
9 Ke kaloku amaSirayeli adanduluka akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi. Lowo ke yayinguOteniyeli unyana kaKenazi umninawe omncinci kaKalebhi.
10 Ke kaloku uOteniyeli wonganyelwa nguMoya kaNdikhoyo, waza waba yinkokheli yamaSirayeli. UOteniyeli waya emfazweni, wathiwa jize ngoloyiso nguNdikhoyo, wamoyisa ukumkani uKushan-rishatayim waseAram.