8 Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, waza wawayekela ngokumkani uKushan-rishatayim waseAram-naharayim, wawoyisa, aba phantsi kwakhe iminyaka esibhozo.
9 Ke kaloku amaSirayeli adanduluka akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi. Lowo ke yayinguOteniyeli unyana kaKenazi umninawe omncinci kaKalebhi.
10 Ke kaloku uOteniyeli wonganyelwa nguMoya kaNdikhoyo, waza waba yinkokheli yamaSirayeli. UOteniyeli waya emfazweni, wathiwa jize ngoloyiso nguNdikhoyo, wamoyisa ukumkani uKushan-rishatayim waseAram.
11 Kwalandela amashumi amane eminyaka yoxolo ke apho, wada wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
12 Aphinda amaSirayeli akreqa *kuNdikhoyo. Ngenxa yeso sizathu ke uNdikhoyo womeleza uEglon ukumkani wamaMowabhi, waqina kunawo.
13 UEglon ke wadibana nama-Amon nama-Amaleki, baza bawahlasela amaSirayeli, basithatha isiXeko samaSundu.
14 AmaSirayeli ke aba phantsi koEglon ukumkani wamaMowabhi iminyaka elishumi elinesibhozo.