15 Akuhlasela uBharaki, uNdikhoyo wamtsho wadideka uSisera ndawonye naloo mkhosi wakhe uneenqwelo. USisera ke wehla kuloo nqwelo yakhe, wabaleka ngeenyawo.
16 Lo mkhosi uneenqwelo ke uBharaki wawusukelisa, wesa eHarosheti-hagoyim. Umkhosi kaSisera watshatyalaliswa wonke, akwasala nempunde le.
17 USisera wabalekela ententeni kaJayeli, umka-Hebhere umKeni, kuba ukumkani uJabhin waseHazore wayevana nendlu kaHebhere.
18 UJayeli waphuma wahlangabeza uSisera, waza wathi kuye: “Yiza, mhlekazi; ngena apha kwam, ungoyiki.” Wangena ke, waza uJayeli wamfihla ngaphaya komkhusane.
19 Wathi kuye: “Khawuncede undiphe amanzi; ndinxaniwe.” Ke yena wamthululela amasi entsubeni, wamnika wasela, waza waphinda wamqhusheka.
20 USisera wathi: “Yima emnyango. Xa kukho umntu obuzayo ukuba akungenanga ndoda na apha ententeni, yithi: ‘Hayi.’ ”
21 USisera wasuka wee yoyi bubuthongo. Ke yena uJayeli wathatha isando nesikhonkwane sentente, wachwechwa waya kuye, wafika wabethelela isikhonkwane eso entloko kuSisera, saza saya kuphumela kwelinye icala, wafa ke uSisera.