4 UNdikhoyo waqhuba wathi kuGidiyon: “Nangoku asemaninzi la madoda unawo. Yihla nawo uye emfuleni; ndiza kuwaphungula. Ke indoda endithe mayihambe nawe, yohamba, kodwa endithe mayisale, mayisale.”
5 UGidiyon ke waya nawo emanzini apho, waza uNdikhoyo wathi kuye: “Wahlula-hlule la madoda; yonke indoda esela amanzi ngokuwakha ngesandla, ngathi yinja ixhaph' amanzi, yahlule kuleyo icambalalayo xa iselayo.”
6 Ke kaloku amadoda awakha ngezandla amanzi xa aselayo aba ngamakhulu amathathu; aza ke amanye lawo acambalala xa aselayo.
7 UNdikhoyo ke wathi kuGidiyon: “Uyabona ke ngoku ndiza kunihlangula ngala makhulu mathathu axhapha amanzi, ndiwanikele ezandleni zakho la maMidiyan. Amanye la amadoda makagoduke.”
8 Ngoko ke uGidiyon wawagodusa amaSirayeli, ngaphandle kwalaa makhulu mathathu awawugcina umphako ngokunjalo nezigodlo ebezize namanye. Ke wona amaMidiyan ayemise kwintili esezantsi kwabo.
9 Ngobo busuku ke uNdikhoyo wathetha noGidiyon wathi: “Yihla uye ekampini yamaMidiyan; ndiwanikela esandleni sakho.
10 Kambe ke, ukuba uyoyika, khawuthathe isicaka sakho uPura, niye kuwakrobela.