13 Ekubuyeni kwakhe kwelo dabi uGidiyon unyana kaJowashe wahamba ngendlela eqabela kwinkalo yeHeres,
14 waza wabamba umfana waseSukoti, wamncina ngemibuzo. Lo mfana wabhalela uGidiyon amagama amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe anesixhenxe aseSukoti.
15 UGidiyon ke waya kumaSukoti, wafika wathi: “Naba ke uZebha noZalmuna enaniphoxisa ngam ngenxa yabo, nisithi: ‘Ngaba sewuboyisile na ooZebha noZalmuna, le nto selufuna siwunike isonka umkhosi wakhe odiniweyo?’ ”
16 Ngoko ke wathatha ameva nenkunzane, wawaphala ngayo, ewafundisa isifundo amadoda amakhulu aseSukoti.
17 Wayidiliza nenqaba yasePenuweli, wawabulala amadoda akhona.
18 UGidiyon wabuza uZebha noZalmuna wathi: “Ayeluhlobo luni na laa madoda nawabulalayo eTabore?”Ke bona baphendula bathi: “Ayefana nawe lowo kanye – onke ayengathi ngoonyana bokumkani.”
19 UGidiyon wathi: “Yayingabantakwethu abazalwa ngumama. Inene, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, ukuba naningawabulalanga bendingazukunibulala nani ngoku.”