14 waza wabamba umfana waseSukoti, wamncina ngemibuzo. Lo mfana wabhalela uGidiyon amagama amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe anesixhenxe aseSukoti.
15 UGidiyon ke waya kumaSukoti, wafika wathi: “Naba ke uZebha noZalmuna enaniphoxisa ngam ngenxa yabo, nisithi: ‘Ngaba sewuboyisile na ooZebha noZalmuna, le nto selufuna siwunike isonka umkhosi wakhe odiniweyo?’ ”
16 Ngoko ke wathatha ameva nenkunzane, wawaphala ngayo, ewafundisa isifundo amadoda amakhulu aseSukoti.
17 Wayidiliza nenqaba yasePenuweli, wawabulala amadoda akhona.
18 UGidiyon wabuza uZebha noZalmuna wathi: “Ayeluhlobo luni na laa madoda nawabulalayo eTabore?”Ke bona baphendula bathi: “Ayefana nawe lowo kanye – onke ayengathi ngoonyana bokumkani.”
19 UGidiyon wathi: “Yayingabantakwethu abazalwa ngumama. Inene, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, ukuba naningawabulalanga bendingazukunibulala nani ngoku.”
20 Wayalela unyana wakhe omkhulu, uYetere, wathi: “Khwela kubo; babulale!” Kodwa ke inkwenkwe leyo yoyika, ayabinza, kuba yayiselula.