19 UGidiyon wathi: “Yayingabantakwethu abazalwa ngumama. Inene, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, ukuba naningawabulalanga bendingazukunibulala nani ngoku.”
20 Wayalela unyana wakhe omkhulu, uYetere, wathi: “Khwela kubo; babulale!” Kodwa ke inkwenkwe leyo yoyika, ayabinza, kuba yayiselula.
21 UZebha noZalmuna bathi ke kuGidiyon: “Sibulale ngokwakho; kaloku indoda ibonakala ngamandla ayo.” UGidiyon ke wababulala, waza wazithatha izihombiso ezazisezintanjeni zeenkamela zabo.
22 Emva koko ke amaSirayeli acela uGidiyon athi: “Masesilawulwa nguwe nenzala yakho. Kaloku nguwe osihlanguleyo kumaMidiyan.”
23 Ke yena waphendula wathi: “Hayi, soze nilawulwe ndim nangunyana wam, koko niya kulawulwa *nguNdikhoyo.”
24 Waqhuba ke wathi: “Mandicele le nto apha kuni: umntu ngamnye makandiphe icici alifumeneyo lisisabelo sakhe sempahla ethinjiweyo.” (Kaloku amaMidiyan, engamaIshmayeli nje, ayefaka amacici.)
25 AmaSirayeli aphendula athi: “Kulungile, siyavuma ukuyenza loo nto.” Baneka ingubo phantsi, yaza ke yangulowo nalowo wabeka kuyo icici alifumeneyo.