1 Kwathi xa ukumkani uJoyakim akunyaka wesithathu elawula kwelakwaJuda, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli weza eJerusalem, wayingqinga.
2 Ke iNkosi yamnikela esandleni sakhe uJoyakim ukumkani wakwaJuda, yathinjwa inxalenye yempahla yendlu kaThixo. Ezi zinto uNebhukadenezare waya nazo ezweni laseShinare, waya kuzifaka endlwini yothixo wakhe kwigumbi elinguvimba wobutyebi.
3 Ukumkani uNebhukadenezare wathi kuAshpenazi, intloko yamaphakathi akomkhulu, makakhethe abafana begazi nabomnombo wezikhulu apho kuloo maSirayeli wayewathimbile.
4 Wathi makakhethe iinzwana ezingenasiphako, ezikrelekrele ngengqondo, eziqeqeshekileyo, nezinengqiqo – abafana abakufaneleyo ukugosiswa komkhulu. UAshpenazi wayalelwa ukuba abafundise ukusithetha nokusifunda isiKaledi.