1 Ngonyaka wokuqala wokulawula kukaDariyo umMedi ndenza isigqibo sokuba ndimxhase, ndimkhusele.”
2 “Olu daba ndikwazisa lona luyinyaniso. Uyabona, ePeshiya kuseza abanye ookumkani abathathu. Ke yena owesine uya kubabetha bonke abanye aba ngobutyebi. Xa athe womelela ngobo butyebi bakhe uya kubaxhokonxa abanye, ukuze kuvukelwane nombuso wamaGrike.
3 “Kweso sithuba ke kuya kuvela igorha lokumkani, alawule ngamagunya, esenza unothanda.
4 Kuya kuthi ke, xa umbuso wakhe sowumile ngxishi, usuke uqhekeke, wahluka-hlukane kwiimbombo zone zelimiweyo. Loo mbuso wakhe uya kutshitsha mpela, endaweni yakhe kungene ookumkani abangelilo igazi lakhe, futhi benganeno kuye ngamandla.
5 “Ke kaloku ukumkani wasezantsi uya kuba ngumfo owomeleleyo, kodwa enye yeenjengele zakhe iya kuthi chatha ngokomelela, nombuso wayo utshatshele.
6 Ekuhambeni kweminyaka ke ukumkani wasezantsi uya kwenza imvumelwano nokumkani wasentla, amendisele nentombi yakhe ukuwuqinisa loo mnqophiso. Kambe oko kwalamana kwabo akuyi kuhambela ndawo, koko intombi leyo iya kuphelelwa yimpembelelo yayo, noyise angabi sakhathalelwa. Yena neempelesi zakhe, kunye nowakwakhe noyise, baya kunikezelwa ngelo xesha.
7 “Emva koko ke ubukhosi buya kuthathwa sisizalwana sakowayo loo ntombi. Loo kumkani ke uya kuhlasela ukumkani wasentla, atsho phakathi enqabeni yakhe, ambethe amoyise.