6 Ekuhambeni kweminyaka ke ukumkani wasezantsi uya kwenza imvumelwano nokumkani wasentla, amendisele nentombi yakhe ukuwuqinisa loo mnqophiso. Kambe oko kwalamana kwabo akuyi kuhambela ndawo, koko intombi leyo iya kuphelelwa yimpembelelo yayo, noyise angabi sakhathalelwa. Yena neempelesi zakhe, kunye nowakwakhe noyise, baya kunikezelwa ngelo xesha.
7 “Emva koko ke ubukhosi buya kuthathwa sisizalwana sakowayo loo ntombi. Loo kumkani ke uya kuhlasela ukumkani wasentla, atsho phakathi enqabeni yakhe, ambethe amoyise.
8 Ke kaloku uya kuthimba izithixo zabo, nemifanekiso yabo etyhidiweyo, nazo zonke izinto ezixabisekileyo ezenziwe ngesiliva nezegolide, zibe ngamaxhoba, agoduke nazo aye eJiputa. Yoba yiminyaka ethile ke esamphumlele ukumkani wasentla.
9 Ukumkani wasentla ke yena uya kuxhoba aye kuhlasela ukumkani wasezantsi, kambe ke aphinde abuyele emhlabeni wakhe.
10 Oonyana bakhe ke baya kuxhobela imfazwe, bahlanganise umkhosi omkhulu. Lo mkhosi uya kuvuthuza ukhukulise ngathi ziimpuphuma, ulidudule idabi lide liye enqabeni yotshaba.
11 “Ukumkani wasezantsi uya kusukela phezulu ngomsindo, afunzele kukumkani wasentla, oya kuhlanganisa umkhosi omkhulu, kodwa wona uya koyiswa.
12 Ukumkani wasezantsi uya kutsho azingce ke ngolo loyiso, kuba ebulele amawaka-waka amajoni; kambe ke akayi kuhlala esoyisa.