9 Ukumkani wasentla ke yena uya kuxhoba aye kuhlasela ukumkani wasezantsi, kambe ke aphinde abuyele emhlabeni wakhe.
10 Oonyana bakhe ke baya kuxhobela imfazwe, bahlanganise umkhosi omkhulu. Lo mkhosi uya kuvuthuza ukhukulise ngathi ziimpuphuma, ulidudule idabi lide liye enqabeni yotshaba.
11 “Ukumkani wasezantsi uya kusukela phezulu ngomsindo, afunzele kukumkani wasentla, oya kuhlanganisa umkhosi omkhulu, kodwa wona uya koyiswa.
12 Ukumkani wasezantsi uya kutsho azingce ke ngolo loyiso, kuba ebulele amawaka-waka amajoni; kambe ke akayi kuhlala esoyisa.
13 Kaloku ukumkani wasentla uya kubuya ahlanganise umkhosi othe nyi kunowakuqala, aze emva kweminyaka abuye nelo hlokondiba lomkhosi wakhe, exhob' ef' amacala.
14 “Ngelo thuba boba baninzi abamvukelayo ukumkani wasezantsi. Zoba zininzi nezakuni izibhoja ezimvukelayo ngenjongo yokuphumelelisa umbono othile; kodwa ke ziya kutshatyalaliswa.
15 Ke yena ukumkani wasentla uya kuza, afike isixeko esinqatyisiweyo asakhele udonga lokuhlasela, aze asithimbe. Amajoni asezantsi sobe abe nako ukumelana naye, noompondo-zihlanjiwe bawo boyisakale baphelelwe ngamandla,