27 UDaniyeli uphendule wathi: “Hayi, mhlekazi, akukho zilumko, nditsho oosiyazi, nabenzi bemilingo, nezanuse, ezinako ukukuchazela le mfihlakalo uyibuzayo.
28 Kambe ke ukho uThixo osezulwini ozityhilayo iimfihlakalo. Ke, mhlekazi, kumkani uNebhukadenezare, yena ukwazisa izinto eziya kwenzeka kwimihla ezayo. Nali iphupha lakho, nditsho umbono ofike engqondweni yakho usalele esililini sakho:
29 “Kaloku uthe usalele, mhlekazi, suka iingcamango zakho zaya kutsho kumaxesha azayo; ke uThixo ongumtyhili weemfihlakalo ukubonise izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.
30 Ke mna le mfihlakalo andiyityhilelwanga kuba ndilumkile kunabo bonke abanye abantu, koko ndiyiboniswe khon' ukuze wena kumkani uyazi intsingiselo yephupha lakho, kananjalo uziqonde iingcamango ezifike engqondweni yakho.
31 “Mhlekazi, uphuphe ubona umfanekiso oqingqiweyo othe bhunxe phambi kwakho. Ewe, ibiluhalakahla oloyikekayo, into ebengezela ngobumenyemenye obungathethekiyo.
32 Intloko yawo yayenziwe ngegolide ecwengileyo, isifuba neengalo zenziwe ngesiliva. Ke sona isisu ukuya kuthi xhaxhe ngamathanga yalubhedu.
33 Kanti ke imilenze yona yintsimbi, zaza ke zona iinyawo zenziwa ngentsimbi exutywe nodongwe.