29 “Kaloku uthe usalele, mhlekazi, suka iingcamango zakho zaya kutsho kumaxesha azayo; ke uThixo ongumtyhili weemfihlakalo ukubonise izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.
30 Ke mna le mfihlakalo andiyityhilelwanga kuba ndilumkile kunabo bonke abanye abantu, koko ndiyiboniswe khon' ukuze wena kumkani uyazi intsingiselo yephupha lakho, kananjalo uziqonde iingcamango ezifike engqondweni yakho.
31 “Mhlekazi, uphuphe ubona umfanekiso oqingqiweyo othe bhunxe phambi kwakho. Ewe, ibiluhalakahla oloyikekayo, into ebengezela ngobumenyemenye obungathethekiyo.
32 Intloko yawo yayenziwe ngegolide ecwengileyo, isifuba neengalo zenziwe ngesiliva. Ke sona isisu ukuya kuthi xhaxhe ngamathanga yalubhedu.
33 Kanti ke imilenze yona yintsimbi, zaza ke zona iinyawo zenziwa ngentsimbi exutywe nodongwe.
34 Kuthe usabukele njalo, mhlekazi, suka kwaqhephuka ilitye, lingachukunyiswanga sandla samntu. Liqengqeleke laya kuthi folokohlo kwezo nyawo zenziwe ngentsimbi nodongwe, lazintlekeza zaziingceba.
35 Hayi ke, kutsho yabubusaza – intsimbi, udongwe, ubhedu, isiliva, negolide, xa zizonke zacoleka zanjengomququ esandeni ngexesha lasehlotyeni. Kufike umoya wazitshayela akwasala nomkhondo lo wazo. Ke lona elo litye liwubethileyo loo mfanekiso lasuka lakhula layintaba enkulu ezalise ihlabathi lonke jikelele.