3 ukumkani wenjenje ukuthetha nabo: “Ndikhathazeke gqitha, kuba ndiphuphe iphupha endingalaziyo intsingiselo yalo.”
4 Iingcali zeenkwenkwezi zamphendula ukumkani ngesiAram, zathi: “Bayethe, kumkani! Phila ngonaphakade! Khawuzilawulele iphupha elo izicaka zakho, khon' ukuze zibe nako ukukuchazela into eliyithethayo.”
5 Ke yena ukumkani waziphendula iingcali zeenkwenkwezi wathi: “Nasi isigqibo endifikelele kuso: ukuba ke nina aninako ukundixelela iphupha elo, ngaphezu koko nindichazele nentsingiselo yalo, ndiya kuninqunqa nibe ziziqwenga, nemizi yenu idilizwe ibe yindawo ekuyiwa kuyo ngasese.
6 Kodwa ke ukuba niyandichazela iphupha elo kunye nentsingiselo yalo, ndiya kuninika umvuzo kunye nezipho, ndinithi jize ngewonga elikhulu. Ngoko ke ndichazeleni eli phupha kunye nento eliyithethayo.”
7 La madoda ke aphinda aphendula athi: “Ukumkani makabaxelele abakonzi bakhe iphupha lakhe, ukuze babe nako ukumtyhilela intsingiselo yalo.”
8 Waphendula ukumkani wathi: “Ngenene ngoku ndazi ngokumhlophe ukuba into eniphezu kwayo kukuhambisa ixesha, kuba nisazi ukuba sendifikelele kwisigqibo.
9 Xa ningalichazi eli phupha niya kufumana isohlwayo esinye xa ninonke. Kaloku nidibene ngeqhinga lokundixokisa, ngenjongo yokuba mhlawumbi ngokuhamba kwexesha izinto zingaguquka. Ukuze ndiqonde ukuba ninako ukulilawula iphupha eli, qalani ngokulichaza.”