5 Athethana ke ngoku la madoda athi: “Hayi, bafondini, soze sizuze mhlaba wakummangalela lo Daniyeli ngaphandle kokuba kube malunga nokumthobela kwakhe uThixo wakhe.”
6 Ngoko ke aba bongameli bekunye neerhuluneli bahlangana, baya kukumkani uDariyo, bafika bathi: “Bayethe, mhlekazi! Phil' ud' ukhokhobe!
7 Xa sisonke thina bongameli, nezikhulu, neerhuluneli, namaphakathi, nabaphathiswa, sivumelene ukuba sikucele, mhlekazi, ukuba uwise umthetho onyanzelisayo ukuba kwithuba leentsuku ezingamashumi amathathu kungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kokuba athandaze kuwe, mhlekazi. Lowo waphule lo mthetho makaphoswe emngxunyeni weengonyama.
8 Ngoko ke, mhlekazi, wisa lo mthetho, uwubhale ube ngumthetho ongenakujikwa wamaMedi namaPeshiya.”
9 Ngoko ke ukumkani uDariyo wawubhala loo mthetho.
10 Nakuba ke uDaniyeli wayeve ukuba lo mthetho ubhaliwe wapapashwa, usuke wagoduka, wafika wangena kwigumbi lendlu yakhe eliphezulu elalineefestile ezikhangele eJerusalem, waza ke waguqa ngamadolo wathandaza ebulela kuThixo wakhe kathathu ngemini njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.
11 Ke kaloku laa madoda ahlangana ambhaqa uDaniyeli ethandaza etarhuzisa kuThixo wakhe.