16 Mhlekazi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe uthothe umsindo wakho nengqumbo yakho kwisicaka sakho iJerusalem, nditsho kwintaba yakho eyodwa. Ngenxa yezono zethu nobugwenxa boobawo iJerusalem nabantu bakho balihlazo kubo bonke abasingqongileyo.
17 Ngoko ke, Thixo wethu, kuve ukuzibika nokutarhuzisa komkhonzi wakho. Yikhangele ngobubele indlu yakho elibhodlo, kuba kaloku nguwe oyiNkosi.
18 Khawubek' iindlebe uphulaphule, Thixo wam! Khawuvule amehlo ukubone ukuphanza kwesixeko esibizwa ngegama lakho. Akungenxa yemisebenzi yethu yobulungisa le nto sikubongozayo, kodwa kungenxa yenceba yakho enkulu.
19 Ndimamele, Mhlekazi, usixolele, usive, wenze! Ewe, Mhlekazi, ngenxa yegama lakho uze ungalibazisi, kuba kaloku esi sixeko sakho naba bantu bakho babizwa ngegama lakho.”
20 Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndizibika *kuNdikhoyo uThixo wam ngenxa yentaba yakhe eyodwa,
21 ewe, ndisathandaza njalo, gqi uGabriyeli, indoda ebendikhe ndayibona kumbono wam wangaphambili, endanda esondela kum ngexesha lokwenziwa kwamadini atshiswayo angokuhlwa.
22 Wathetha nam ke endikhanyisela, wathi: “Daniyeli, ndilapha nje ndize kukuvula ingqiqo ukuze ube nokuqonda.