17 Ngoko ke, Thixo wethu, kuve ukuzibika nokutarhuzisa komkhonzi wakho. Yikhangele ngobubele indlu yakho elibhodlo, kuba kaloku nguwe oyiNkosi.
18 Khawubek' iindlebe uphulaphule, Thixo wam! Khawuvule amehlo ukubone ukuphanza kwesixeko esibizwa ngegama lakho. Akungenxa yemisebenzi yethu yobulungisa le nto sikubongozayo, kodwa kungenxa yenceba yakho enkulu.
19 Ndimamele, Mhlekazi, usixolele, usive, wenze! Ewe, Mhlekazi, ngenxa yegama lakho uze ungalibazisi, kuba kaloku esi sixeko sakho naba bantu bakho babizwa ngegama lakho.”
20 Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndizibika *kuNdikhoyo uThixo wam ngenxa yentaba yakhe eyodwa,
21 ewe, ndisathandaza njalo, gqi uGabriyeli, indoda ebendikhe ndayibona kumbono wam wangaphambili, endanda esondela kum ngexesha lokwenziwa kwamadini atshiswayo angokuhlwa.
22 Wathetha nam ke endikhanyisela, wathi: “Daniyeli, ndilapha nje ndize kukuvula ingqiqo ukuze ube nokuqonda.
23 Uthe usaqala nje ukuzibika kuThixo waba yena selenesigqibo. Ngoko ke ndize kukuchazela isigqibo eso. Kaloku ukuxabisile. Mandikuchazele esi sigqibo ke, uwuqonde lo mbono.