1 Ke kaloku ngoku athandazayo uEzra evuma izono, elila egqusha phantsi phambi kwendlu kaThixo, kwabakho isihlwele samaSirayeli esaqokelelana kuye – amadoda, abafazi, nabantwana. Babelila ngokubindeka okukhulu.
2 Ke uShekaniya unyana kaYehiyeli oyinzala kaElam wathetha noEzra, wathi: “Ngokuthatha abafazi kwiintlanga esimelene nazo sonile kuThixo wethu. Kodwa nakuba kunjalo lisekho ithemba ngoSirayeli.
3 Ngoku ke masenze umnqophiso noThixo wethu wokuba siza kubagxotha aba bafazi ndawonye nabantwana babo, ngokwesigqibo senkosi yam, nabo bonke abayoyikayo imithetho kaThixo wethu. Ewe, makwenzeke ngokomthetho.
4 Ngoko ke phakama; lo mcimbi usezandleni zakho. Thina siza kukuxhasa. Yomelela wenze.”
5 Ke kaloku waphakama uEzra, waqokelela bonke ababingeleli abaphambili nabaLevi noSirayeli ephela, wathi mabafunge ukuba baza kwenza njengoko sekuthethiwe. Basenza ke isifungo.