4 Ngoko ke phakama; lo mcimbi usezandleni zakho. Thina siza kukuxhasa. Yomelela wenze.”
5 Ke kaloku waphakama uEzra, waqokelela bonke ababingeleli abaphambili nabaLevi noSirayeli ephela, wathi mabafunge ukuba baza kwenza njengoko sekuthethiwe. Basenza ke isifungo.
6 Waza uEzra waphuma endlwini kaThixo, waya endlwini kaYohanan unyana kaEliyashibhi. Ngoko alapho ke wayengatyi engaseli manzi, kuba esazilele ukunganyaniseki kwabathinjwa.
7 Ke kaloku kwenziwa isihlokomiso kuye wonke uJuda neJerusalem, kusithiwa abathinjwa mabahlangane eJerusalem.
8 Nabani na ongezanga kwithuba leentsuku ezintathu, kwathiwa uza kuthathelwa izinto anazo. Eso ke isisigqibo samaphakathi namadoda amakhulu; umntu onjalo ke wayeza kusikwa kwibandla labathinjwa.
9 Ngezo ntsuku zintathu ke onke amadoda akwaJuda nawakwaBhenjamin aqokelelana eJerusalem. Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yethoba bonke abantu babesebehleli kwibala eliphambi kwendlu kaThixo, bengcangcazela ngenxa yalo mbandela nangenxa yemvula.
10 Umbingeleli uEzra ke waphakama wathi: “Nenze ukunganyaniseki; ityala likaSirayeli nilongezelele ngokuthatha abafazi abaziintlanga.