1 USirayeli wayenjengomdiliya othe xazalala,ovelisa iziqhamo ngexesha lazo.Kanti ngokwanda kwezo ziqhamowenjenjalo nokwandisa amaqonga.Ngokwanda kwenkqubela yelizwewenjenjalo ukuzihombisa neentsika zakhe.
2 Intliziyo yabo iyinkohliso!Ngoku baza kuvuna leyo bayilimileyo.*UNdikhoyo wowadiliza amaqonga abo,azisiphule ezo ntsika zabo.
3 Kaloku ngoku baza kuthi:“Thina asinaye ukumkani,kuba kaloku asimhloneli uNdikhoyo.Ukuba besinaye ke,angasenzela ntoni ukumkani?”
4 Ewe, bathetha amazwi alambathayo;benza izibhambathiso zelize;bangena kwiminqophiso ephuthileyo.Suka ke ukubambana kwabo ezinkundlenikwafana nokhula oluyityhefuoluhluma emasimini alinyiweyo.
5 AbaseSamariya ke bayangcangcazelangenxa yethole laseBhetaven.Abemi bakhona botsho ngesijwili;nababingeleli balo baya kulililelangenxa yokutshitsha kwesidima salo.
6 Loqweqwediselwa eAsiriya;liya kuba ngumrhumo kukumkani uYarebhi.UEfrayim uya kuhlaziswa,uSirayeli abe neentloni ngecebo lakhe.
7 Ukumkani waseSamariya wonqanyulwa;wothi shwaka ngathi luluthi emanzini.