3 Kaloku ngoku baza kuthi:“Thina asinaye ukumkani,kuba kaloku asimhloneli uNdikhoyo.Ukuba besinaye ke,angasenzela ntoni ukumkani?”
4 Ewe, bathetha amazwi alambathayo;benza izibhambathiso zelize;bangena kwiminqophiso ephuthileyo.Suka ke ukubambana kwabo ezinkundlenikwafana nokhula oluyityhefuoluhluma emasimini alinyiweyo.
5 AbaseSamariya ke bayangcangcazelangenxa yethole laseBhetaven.Abemi bakhona botsho ngesijwili;nababingeleli balo baya kulililelangenxa yokutshitsha kwesidima salo.
6 Loqweqwediselwa eAsiriya;liya kuba ngumrhumo kukumkani uYarebhi.UEfrayim uya kuhlaziswa,uSirayeli abe neentloni ngecebo lakhe.
7 Ukumkani waseSamariya wonqanyulwa;wothi shwaka ngathi luluthi emanzini.
8 Asisathethi ke ngamaqonga asezindulini,kuba wona aya kutshatyalaliswa.Angundoqo wesono sikaSirayeli.Kokhula ameva kunye nenkunzane,atsho angabonakali amaqonga abo.Ngoko bosuka bathi ezintabeni:“Siweleni, nisifihle!”ezindulini bathi: “Sigqumeleleni!”
9 Kusukela kwimihla yaseGibheyauthe rhoqo ukona, Sirayeli.Ewe, awushenxanga kulo mkhwa.Kwenzeka ntoni na eGibheya?Andithi bagutyungelwa yimfazwe?