5 AbaseSamariya ke bayangcangcazelangenxa yethole laseBhetaven.Abemi bakhona botsho ngesijwili;nababingeleli balo baya kulililelangenxa yokutshitsha kwesidima salo.
6 Loqweqwediselwa eAsiriya;liya kuba ngumrhumo kukumkani uYarebhi.UEfrayim uya kuhlaziswa,uSirayeli abe neentloni ngecebo lakhe.
7 Ukumkani waseSamariya wonqanyulwa;wothi shwaka ngathi luluthi emanzini.
8 Asisathethi ke ngamaqonga asezindulini,kuba wona aya kutshatyalaliswa.Angundoqo wesono sikaSirayeli.Kokhula ameva kunye nenkunzane,atsho angabonakali amaqonga abo.Ngoko bosuka bathi ezintabeni:“Siweleni, nisifihle!”ezindulini bathi: “Sigqumeleleni!”
9 Kusukela kwimihla yaseGibheyauthe rhoqo ukona, Sirayeli.Ewe, awushenxanga kulo mkhwa.Kwenzeka ntoni na eGibheya?Andithi bagutyungelwa yimfazwe?
10 Ndosuka ndibohlwaye abanxaxhayo,nditsho olu hlanga lonayo.Izizwe ziya kuluhlanganyela;ewe, zona ziya kulukhonkxa ngesi sono siphinda-phindeneyo.
11 UEfrayim yena nqwa nethokazi lenkomo –nditsho ithokazi eliqeqeshiweyo,elo libhula ngentumekelelo.Ke ndolifaka edyokhweni,ndiyibeke kuloo ntamo yalo.Ewe, ndomqhuba uEfrayim,uJuda ndimfake ekulimeni.Ewe, uYakobi uza kuyerha.