8 Asisathethi ke ngamaqonga asezindulini,kuba wona aya kutshatyalaliswa.Angundoqo wesono sikaSirayeli.Kokhula ameva kunye nenkunzane,atsho angabonakali amaqonga abo.Ngoko bosuka bathi ezintabeni:“Siweleni, nisifihle!”ezindulini bathi: “Sigqumeleleni!”
9 Kusukela kwimihla yaseGibheyauthe rhoqo ukona, Sirayeli.Ewe, awushenxanga kulo mkhwa.Kwenzeka ntoni na eGibheya?Andithi bagutyungelwa yimfazwe?
10 Ndosuka ndibohlwaye abanxaxhayo,nditsho olu hlanga lonayo.Izizwe ziya kuluhlanganyela;ewe, zona ziya kulukhonkxa ngesi sono siphinda-phindeneyo.
11 UEfrayim yena nqwa nethokazi lenkomo –nditsho ithokazi eliqeqeshiweyo,elo libhula ngentumekelelo.Ke ndolifaka edyokhweni,ndiyibeke kuloo ntamo yalo.Ewe, ndomqhuba uEfrayim,uJuda ndimfake ekulimeni.Ewe, uYakobi uza kuyerha.
12 Khanizihlwayelele ubulungisa,nixhamle iziqhamo zobubele.Ewe, khaniwukhubele umhlaba.Eli lixesha lokufunana noNdikhoyo,ade ke yena afike,anithululele amathamsanqa.
13 Kambe ke nihlwayele inkohlakalo,naza ke navuna kwayona.Nizixhamle iziqhamo zokukhohlisa.Kaloku suka nakholosa ngobugorha benu,naqamela ngobuninzi bamajoni.
14 Anikho sisidube-dube semfazwe;zonk' iinqaba zenu zotshatyalaliswanjengoShalman mhla ngedabi,mini wavuthulula iBhetarbhele,abadlezana bagileka bawaneentsana zathi geqe phaya.