4 Bona ndabakhokela ndinovelwano;ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele.Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo,ndaza ndathoba ndabafunzela.
5 Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa,kodwa uAsiriya uya kubalawula.Kaloku abavumi ukubuyela kum.
6 Ezixekweni zabo komenyezel' ikrele.Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,liwaphanzise namacebo abo.
7 Abantu bam bazimisele ukundishiya.Noba bangade bakhale kOphezu-konkeyena soze abaphakamise.
8 “Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,ndikwenze ufane neZebhoyim?Intliziyo yam iguqukile ngakuni;imfobe yam itsho yavuseleleka.
9 Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam;andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim.Kaloku andimntu, ndinguThixo,uYedwa othe zwabha phakathi kwenu.Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.
10 Bosuka bamlandele *uNdikhoyo.Yena wovungama njengengonyama.Ke kaloku akubhavumlausapho lwakhe loza lungcangcazela;ewe, luya kuza ngasentshonalanga.