6 Ezixekweni zabo komenyezel' ikrele.Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,liwaphanzise namacebo abo.
7 Abantu bam bazimisele ukundishiya.Noba bangade bakhale kOphezu-konkeyena soze abaphakamise.
8 “Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,ndikwenze ufane neZebhoyim?Intliziyo yam iguqukile ngakuni;imfobe yam itsho yavuseleleka.
9 Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam;andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim.Kaloku andimntu, ndinguThixo,uYedwa othe zwabha phakathi kwenu.Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.
10 Bosuka bamlandele *uNdikhoyo.Yena wovungama njengengonyama.Ke kaloku akubhavumlausapho lwakhe loza lungcangcazela;ewe, luya kuza ngasentshonalanga.
11 Boza benkwantya okweentaka bevela eJiputa;boba njengamahobe bevela eAsiriya.Ndobabuyisela emakhayeni abo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 UEfrayim undijikeleza ngobuxoki;indlu kaSirayeli indithe nca ngenkohliso.UJuda yena uvukelana noThixo,nditsho uYedwa lowo uthembekileyo.