1 UEfrayim walusana nomoya;usukelana nolophu lwasempuma;imini yonke wandisa ubuxoki nobubhoja.Yena unqophisana neAsiriya;nango amafutha omnquma ewasa eJiputa.
2 *UNdikhoyo umangalela uJuda;uYakobi womohlwaya ngezono zakhe,ambuyekeze ngezinto azenzileyo.
3 Engekaveli wabamba umntakwabo,wamthi nqaku ngesithende.Ebudodeni wabambana noThixo,
4 wajijisana nesithunywa woyisa,wakhala ecela inceba.Wahlangana noThixo eBhetele,waza wathetha-thethana naye khona apho –
5 uNdikhoyo uThixo uSomandla.Gama lakhe ke nguNdikhoyo;uthuthwa ngalo xa enqulwa.