2 *UNdikhoyo umangalela uJuda;uYakobi womohlwaya ngezono zakhe,ambuyekeze ngezinto azenzileyo.
3 Engekaveli wabamba umntakwabo,wamthi nqaku ngesithende.Ebudodeni wabambana noThixo,
4 wajijisana nesithunywa woyisa,wakhala ecela inceba.Wahlangana noThixo eBhetele,waza wathetha-thethana naye khona apho –
5 uNdikhoyo uThixo uSomandla.Gama lakhe ke nguNdikhoyo;uthuthwa ngalo xa enqulwa.
6 Ngoko ke buyela kuThixo wakho;gcina uthando nobulungisa,uhlale uthembele kuThixo wakho.
7 Isikali somrhwebi sesobuqhophololo;yena uthanda ukuxhaphaza.
8 Kodwa uEfrayim uthi:“Ndimi kakuhle, ndisisinhanha.Ekuzityebiseni kwam akukho bugwenxa nasono esinokufunyanwa.”