7 Isikali somrhwebi sesobuqhophololo;yena uthanda ukuxhaphaza.
8 Kodwa uEfrayim uthi:“Ndimi kakuhle, ndisisinhanha.Ekuzityebiseni kwam akukho bugwenxa nasono esinokufunyanwa.”
9 “NdinguNdikhoyo uThixo wakhoowakukhuphulula kwelaseJiputa.Ndophinda ndinihlalise ezintenteninjengakwimihla yamatheko amisiweyo.
10 Ndim owathetha nabashumayeli,ndabathi jize ngemibono,ndathetha ngemizekeliso ngemilomo yabo.”
11 IGiliyadi ibimi kakuhle,kodwa ngoku ayisento yanto.Koba njalo naseGiligali –noxa kwakubingelelwa ngeenkunzi khonaamaqonga ayo ofana neengqumba zamatye,nditsho ezo zikumasimi alinyiweyo.
12 UYakobi wabhacela kwa-Aram,uSirayeli wamsebenzela umfazi –ukuze amlobole walusa iigusha.
13 UNdikhoyo wasebenzisa *umshumayeliukukhupha uSirayeli eJiputa;ewe, wabalondoloza ngomshumayeli.