1 Fudula esithi akuthetha uEfrayimabantu bona bangcangcazela;ewe, yena wayehlonelwa kwaSirayeli.Kodwa ke suka wazixabhela;suka wanqula uBhali waphutha.
2 Ngoku wongeza isono phezu kwesono;uzenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesiliva,izithixo ezenziwe ngokweembono zakhe.Ewe, bubuchule bezandla zomntu.Ngoku ke sekusithiwa:“Ofuna ukwenza idini makawange la mathole.”
3 Ke ngoko bothi shwaka njengenkungu yakusasa,njengombethe osuka uvuthuluke.Bofana nomququ ophetshethwa ngumoya,umququ wesanda ophel' emehlweni,ngathi ngumsi otyhoboza ngefestile.
4 “Ukanti ke *ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Mna ndakukhuphulula eJiputa.AwunaThixo ngaphandle kwam,kungekho namsindisi ingendim.
5 Ndim owakulondolozayo entlango,ndakugcina kwilizwe lembalela.
6 Ndanondla natsho nahlutha,nathi ningahlutha nakhukhumala;ewe, nasuka nandilibala.