6 Ndanondla natsho nahlutha,nathi ningahlutha nakhukhumala;ewe, nasuka nandilibala.
7 Ndosuka ndinihlasele njengengonyama;ndosuka ndinilalele njengengwe.
8 Ndohlasela njengebhere eyohluthwe amathole ayo;ewe, ndosuka ndiniqwenga-qwenge.Ndonidlavula njengemazi yengonyama,ndiniqwenge ngathi nihlaselwa lirhamncwa.
9 “Ngenene uzonakalisile, Sirayeli,ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.
10 Uphi khona loo kumkani wakhoukuba angakusindisi ezixekweni zakho zonke?Ziphi kaloku iinkokheli zakho?Ngani zingakuncedi nje?Kaloku nankqangaza nisithi:‘Sinike ookumkani nabalawuli.’
11 Ewe kaloku, ndasuka ngomsindo,ndaza ndaninika ookumkani.Kwangomsindo ndisuke ndabohlutha.”
12 “Ubugwenxa bukaEfrayim budityanisiwe babotshwa;izono zakhe zigcinwe kuvimba.