10 Ndosuka ke mna ndilityhile ihlazo lakhephambi kwezithandwa zakhe,angahlangulwa bani kum.
11 Ndoyinqamla imibhiyozo yakhe –nditsho amatheko enyanga entsha,kananjalo *nawoMhla wokuPhumla –yonke imisitho yakhe emisiweyo.
12 Ndoyibharhisa imithi yediliya nekhiwane,le athi yena ukuyibiza:‘Ngumvuzo endiwunikwe zizithandwa zam.’Ndoyenza ibe lihlathi,idliwe ziinyamakazi zasendle.
13 Ewe, ndiya kumohlwayangenxa yemihla awayenqula uBhaliemenzela iziqhumiso,ezihombisa ngamaso nemisesane,esukelana nezithandwa zakhe,esuke wandilibala ke mna.”Lowo ke ngumlomo *kaNdikhoyo.
14 “Ndosuka ke mna ndicenga-cengane naye;ndomthundezela entlango,ndithethe naye kakuhle.
15 Ukususela apho ndombuyisela izidiliya zakhe,yona iNtili yeAkore ndiyenze ibe lisango lethemba.Yena uya kundamkela,azinikezele kum njengakwimihla yobutsha bakhe,mhla waphuma kwelaseJiputa.
16 “Ngaloo mini wondibiza uthi: ‘Myeni wam,’ungabi sathi: ‘Bhali wam.’”Utsho umlomo kaNdikhoyo.