14 “Ndosuka ke mna ndicenga-cengane naye;ndomthundezela entlango,ndithethe naye kakuhle.
15 Ukususela apho ndombuyisela izidiliya zakhe,yona iNtili yeAkore ndiyenze ibe lisango lethemba.Yena uya kundamkela,azinikezele kum njengakwimihla yobutsha bakhe,mhla waphuma kwelaseJiputa.
16 “Ngaloo mini wondibiza uthi: ‘Myeni wam,’ungabi sathi: ‘Bhali wam.’”Utsho umlomo kaNdikhoyo.
17 “Ndosusa kwa-amagama athi: ‘Bhali,’angabi sabikho emlonyeni wakhe,angabi saphinda akhunjulwe.
18 Ngaloo mini ndobenzela umnqophisonamarhamncwa asendle,kunye neentaka zezulu,nezinto ezirhubuluza emhlabeni.Isaphetha nekrele nemfazwendozinqamla kweli hlabathi,ukuze konke nje kube luxolo.
19 Ndiya kukungeja, ndimanyane nawe ngonaphakade;ewe, ndokungeja ngobulungisa nangokusemthethweni,ngokunyaniseka nangenceba.
20 Ndokumanya nam ngentembeko,khon' ukuze undazi mna *Ndikhoyo.