6 Ndosuka ndimbiyele ngobobo;ndomakhel' udonga ndimvingcele,athinteleke kwindlela ahamba ngayo.
7 Wosukelana nezithandwa zakhe,phofu angaze azifumane.Uya kuba ngafuna-funaibe yinqaba ukuzifumana,ade asuke athi:‘Mandibuyele kwindoda yam yokuqala;kwakubhetele ngoko kunangoku.’
8 Kaloku yena akaqondiukuba yayindim omnikayoingqolowa newayini namafutha,ndimvava ngesiliva negolide,waza wanqula *uBhali ngayo.
9 Ngoko ke ndoyihluthaingqolowa ngexesha layo,newayini ngethuba elimisiweyo;ewe, ndomhlutha uboya kunye nelinen,izinto afihla ubuze bakhe ngazo.
10 Ndosuka ke mna ndilityhile ihlazo lakhephambi kwezithandwa zakhe,angahlangulwa bani kum.
11 Ndoyinqamla imibhiyozo yakhe –nditsho amatheko enyanga entsha,kananjalo *nawoMhla wokuPhumla –yonke imisitho yakhe emisiweyo.
12 Ndoyibharhisa imithi yediliya nekhiwane,le athi yena ukuyibiza:‘Ngumvuzo endiwunikwe zizithandwa zam.’Ndoyenza ibe lihlathi,idliwe ziinyamakazi zasendle.