1 xa ndandifuna ukumnyanga uSirayeli,suka badandalaza ubugwenxa bukaEfrayim,batyhileka ububi beSamariya.Kaloku bahleli ngobuqhophololo.Ngamasela aqhekezayo ebe;basisigqubu sezikrelemnqa esiphanga phandle.
2 Ewe, bona abaqondi tu,kanti izenzo zabo zithe thaa kum.Ngoku bajikelezwe zizenzo zabo;ziluzenge-zenge oluphambi kwam.
3 “Inkohlakalo yabo iyamvuyisa ukumkani;inkohliso yabo iyawavuyisa namaphakathi.
4 Bakrexeza bonke bephela;batshisa njengomlilo wokubhakaoyekwayo ungakhwezelwa ngumbhakiukusukela ekuxovuleni kwakhede inyuke intlama.
5 Ngomhla wetheko lokumkanisuka amaphakathi ashushu yiwayini,naye wabambana izandla nabahlekisi.