13 Mawoo, ngokuba banxaxhile kum!Yintshabalalo kubo,ngokuba bemkile bandishiya!Mna ndiyafuna ukubahlangula,koko suka baxoka ngam.
14 Xa bekhala abatsho ngomxhelo wabo;basuka bazibhuqa-bhuqe emandlalweni.Baqokelelana ngenxa yokutya newayini,kodwa mna bandichasile.
15 Ndabaqeqesha ndabomeleza,kodwa ngoku bandijikeleza ngobubi.
16 Ababuyeli kuPhezukonke;bafana nesaphetha esinenkohliso.Iinkokheli zabo zohlatyaniselwa likrele,kuba imilomo yazo iphokoza ububi.Ewe, boba sisigculelo kwilizwe laseJiputa.”