2 Ewe, bona abaqondi tu,kanti izenzo zabo zithe thaa kum.Ngoku bajikelezwe zizenzo zabo;ziluzenge-zenge oluphambi kwam.
3 “Inkohlakalo yabo iyamvuyisa ukumkani;inkohliso yabo iyawavuyisa namaphakathi.
4 Bakrexeza bonke bephela;batshisa njengomlilo wokubhakaoyekwayo ungakhwezelwa ngumbhakiukusukela ekuxovuleni kwakhede inyuke intlama.
5 Ngomhla wetheko lokumkanisuka amaphakathi ashushu yiwayini,naye wabambana izandla nabahlekisi.
6 Kaloku iintliziyo zabo zinjengeziko;ewe, zona zivutha ngamayelenqe.Ingcwangu yabo ilala ubusuku bonke,kusasa idangazele njengomlilo.
7 Bonke banobushushu oku kweziko lokubhaka,abalawuli babo babathi lenye.Iikumkani zikhahleleka phantsi,kungekho bani ubhenela kum.
8 “UEfrayim uxubana neentlanga;ewe, yena ufana nesonka esingaguqulwanga.