6 Kaloku iintliziyo zabo zinjengeziko;ewe, zona zivutha ngamayelenqe.Ingcwangu yabo ilala ubusuku bonke,kusasa idangazele njengomlilo.
7 Bonke banobushushu oku kweziko lokubhaka,abalawuli babo babathi lenye.Iikumkani zikhahleleka phantsi,kungekho bani ubhenela kum.
8 “UEfrayim uxubana neentlanga;ewe, yena ufana nesonka esingaguqulwanga.
9 Abasemzini bawaxhaphazile amandla akhe;ke kuye kurhidiwe, akaqondi.Kaloku yena ngoku iinwele zakhe zixubile,ibe ke phofu engaqondi.
10 Ikratshi likaSirayeli liyamkhonkotha,kodwa nkqi kubo ukubuya beze kuNdikhoyo uThixo wabo;ewe, abazidubi nangokumfuna.
11 “UEfrayim ukhamisile, nqwa nehobe;yena usisimathane esingaqondiyo.Uphatha kubhenela eJiputa,maxa wambi abalekele eAsiriya.
12 Ndobabekela umgibe endleleni, ndibanqakule njengeentaka.Xa ndibeva bexhontelana ndobabambisa.