1 “Yitsho ngomtyangampo wesigodlo!Nal' ixhalanga lirhiwula abantu *bakaNdikhoyo.Kaloku bawaphule umnqophiso wam,suka bawuvukela umthetho wam.
2 Ewe, ngoku uSirayeli uyazibika kum;uyandivuma esithi: ‘Thixo wam endimaziyo!’
3 Ngokutshikilela kwakhe okulungileyouSirayeli wathiwa mbende lutshaba.
4 Bazikhethele ookumkani ngaphandle kwam,bamisa namaphakathi ndingakwazi oko.Ngesiliva negolide yabo bazenzele izithixo;nto leyo iyintshabalalo kubo.