14 Akuzange kubekho umhla onjalo ngaphambili. Nangasemva koko awuzange ubekho konke umhla awathi uNdikhoyo waliphulaphula ilizwi lomntu. Wawalwela ke khona uNdikhoyo amaSirayeli!
15 Emva kwedabi uYoshuwa nomkhosi wakhe babuyela esikhululweni eGiligali.
16 Ookumkani bama-Amori baphuncula bobahlanu, baya kuzimela emqolombeni eMakeda.
17 Babhaqwa, waza waxelelwa apho bakhoyo uYoshuwa.
18 Wathi: “Qengqelani amatye amakhulu, nivale ngawo umlomo womqolomba, nize nishiye amadoda okulinda.
19 Ke nina ze ningahlali apho, koko lusukeleni utshaba, ningaluvumeli lubalekele ezixekweni zalo. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu selebanikele ezandleni zenu.”
20 Umkhosi kaYoshuwa waluswantsulisa utshaba, kambe abambalwa babaleka bade baya kungena ezixekweni ezinqatyisiweyo zakomawabo, basinda.