Uyoshuwa 12 XHO96

Iikumkani ezoyiswa nguMosis

1 AmaSirayeli ayesele oyisa awuthimba nomhlaba ongasempumalanga yeJordan, ukususa kuloo ngingqi yeAnon, kunyuse loo ntili yeJordan, kuye kutsho kwintaba iHermon.

2 Owokuqala ukumkani owoyiswayo yaba nguSihon umAmori owayelawula ummandla waseHeshbhon. Icala leGiliyadi laliphantsi kwakhe, ukususela eArure (engakumlambo iAnon) nasembindini wengingqi leyo, ukwenjenjeya ukusa eJabhoko (engumda welama-Amon).

3 Intili yeJordan ukususela kuLwandle lwaseGalili nayo yayikwalapho, ukusa ezantsi eBhete-yeshimoti (engasempumalanga yoLwandle oluFileyo) kwenjenjeya kuse emazantsi entaba iPisga.

4 Woyiswa naye ukumkani uOgi waseBhashan owayengowokugqibela kumaRafa. Wayephethe iAshtaroti kunye ne-Edreyi.

5 Intaba iHermon, iSaleka, kunye nayo yonke iBhashan, kuse kwimida yeGeshuri neMahaka, necala leGiliyadi, kuye kutsho kummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon, nazo zazikwalawulwa yile kumkani.

6 Ezi kumkani zombini zoyiswa nguMosis namaSirayeli. Umhlaba wazo uMosis isicaka *sikaNdikhoyo wawunika isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase.

Iikumkani ezoyiswa nguYoshuwa

7 UYoshuwa kunye namaSirayeli bazoyisa iikumkani ezazimi kummandla ongasentshonalanga yeJordan, ukusuka eBhali-gadi kwintili vaseLebhanon kuse kwintaba iHalaki ezantsi kufuphi neSeyire. Wawohlulela izizwe zakwaSirayeli lo mmandla uYoshuwa, ukuba ziwume.

8 Nazi iziphaluka zalo mmandla: eleenduli, amazantsi eentaba zasentshona, intili yeJordan namazantsi eentaba zayo, iingingqi zangasempuma, kunye nentlango engasezantsi. Lo mmandla yayingumhlaba wamaHiti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

9 AmaSirayeli oyisa iikumkani zezixeko iJeriko, iAyi (ngaseBhetele),

10 iJerusalem, iHebron,

11 iYarmuti, iLakishe,

12 iEglon, iGezere,

13 iDebhiri, iGedere,

14 iHoma, iAradi,

15 iLibhena, iAdulam,

16 iMakeda, iBhetele,

17 iTapuwa, iHefere,

18 iAfeki, iLasharon,

19 iMadon, iHazore,

20 iShimron-meron, iAkeshafi,

21 iTanaki, iMegido,

22 iKedeshe, iYokeneham (eKarmele),

23 iDore (elunxwemeni), iGoyim (eGiligali),

24 kunye neTirza. Yayingamashumi mathathu ezikumkani zizonke.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24