Uyoshuwa 21 XHO96

Izixeko zabaLevi

1 Iintloko zezindlu zakwaLevi zaya kumbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zakwaSirayeli.

2 Zaya kubo eShilo kwelamaKanana, zafika zathi: “*UNdikhoyo wayethe kuMosis thina masinikwe izixeko kunye namadlelo azo.”

3 AmaSirayeli ke ngoko, ethobela umyalelo kaNdikhoyo, acaphula kwilifa lawo, abanika ezinye izixeko zawo abaLevi kunye namadlelo azingqongileyo.

4 *Iqashiso lokuqala laphumela imizi yendlu yabaLevi bakwaKohati, babelwa izixeko ezilishumi linantathu, ezazikummandla wakwaJuda, nowakwaSimon, kunye nowakwaBhenjamin.

5 Inxalenye yemizi kaKohati yabelwa ishumi lezixeko ezazikwaEfrayim, kwaDan, nakwisiqingatha sasentshonalanga sakwaManase.

6 Indlu yakwaGershon yabelwa ishumi elinantathu lezixeko kummandla wakwaIsakare, nakwa-Ashere, kwaNafetali, nakwisiqingatha sakwaManase esiseBhashan.

7 Indlu yakwaMerari ngokwemizi yayo yabelwa ishumi elinambini lezixeko kummandla wakwaRubhen nakwaGadi nakwaZebhulon.

8 Njengoko uNdikhoyo wayetshilo kuMosis amaSirayeli ababela abaLevi ezi zixeko namadlelo ngokwenza amaqashiso.

9-10 Nazi ke izixeko ezabelwa abazukulwana baka-Aron, inzala kaLevi, bendlu kaKohati, ezazikummandla kaJuda noSimon: iqashiso laphumela bona kuqala,

11 babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo,

12 kambe zona iilali eziyingqongileyo kunye namasimi zazisezabelwe uKalebhi unyana kaJefune, zaza zaba zezakhe.

13 Ukongezelela kwiHebron (eyayisesinye sezixeko zokuphephela) kwahlonyelwa nezi zixeko kubazukulwana bombingeleli uAron: iLibhena,

14 iYatire, iEshtemowa,

15 iHolon, iDebhiri,

16 iAyin, iJuta, kunye neBhete-shemeshe, kwanamadlelo azo. Yayilithoba lezixeko kummandla wakwaJuda nakwaSimon.

17 Kummandla wakwaBhenjamin babelwa zazine izixeko: iGibheyon, iGebha,

18 iAnatoti, kunye neAlmon, kwanamadlelo azo.

19 Zaba lishumi linantathu izixeko ezabelwa ababingeleli abazukulwana baka-Aron, kunye namadlelo azo.

20 Eminye imizi yabaLevi endlu yakwaKohati yabelwa izixeko kummandla kaEfrayim.

21 Banikwa izixeko ezine: iShekem namadlelo ayo kweleentaba lakwaEfrayim (yenye yezixeko zokuphephela nayo), iGezere,

22 iKibhezayim, kunye neBhete-horon, kunye namadlelo azo.

23 Kummandla wakwaDan abelwe izixeko ezine: iElteke, iGibheton,

24 iAyalon, kunye neGati-rimon, namadlelo azo.

25 Kummandla wesiqingatha sikaManase esingasentshonalanga abelwa izixeko ezibini: iTanaki, neGati-rimon, kunye namadlelo azo.

26 Indlu yakwaKohati yabelwa ishumi lezixeko zizonke kunye namadlelo azo.

27 Abanye abaLevi bendlu kaGershon babelwa izixeko zazibini kummandla wesiqingatha sikaManase esingasempuma: yaba yiGolan eBhashan (esinye sezixeko sokuphephela) kunye neBheshtera namadlelo azo.

28 Kummandla wakwaIsakare babelwa izixeko ezine: iKishiyon, iDabherati,

29 iYamuti, ne-En-ganim kunye namadlelo azo.

30 Kummandla wakwa-Ashere babelwa zazine: iMishali, iAbhedon,

31 iHelekati, neRehobhi, namadlelo azo.

32 Kummandla wakwaNafetali zaba zithathu: iKedeshe eGalili namadlelo ayo (yayisisixeko sokuphephela), iHamoti-dore, neKartan, namadlelo azo.

33 Imizi yendlu yakwaGershon yabelwa ishumi linantathu lezixeko zizonke, namadlelo azo.

34 AbaLevi bendlu yakwaMerari, yona eyayingekabonelelwa, babelwa izixeko zazine kwaZebhulon: iYokeneham, iKarta,

35 iDimna, neNahali, namadlelo azo.

36 KwaRubhen babelwa zazine: iBhezere, iYaza,

37 iKedemoti, eMefati, namadlelo azo.

38 KwaGadi babelwa zazine: iRamoti-giliyadi namadlelo ayo (esinye sezixeko zokuphephela), iMahanayim,

39 iHeshbhon, neYazere, namadlelo azo.

40 Indlu kaMerari ke yabelwa ishumi linambini lezixeko zizonke, isabelwa ngokwezindlu zayo ngamaqashiso.

41-42 AbaLevi babelwa izixeko ezingamashumi mane anesibhozo zizonke kummandla wamaSirayeli. Zonke ezo zixeko ngazinye zazinamadlelo azo.

UNdikhoyo uzalisekisa isithembiso sakhe

43 Wenjenjalo ke *uNdikhoyo ukuzalisekisa isithembiso awasenzayo kookhokho bamaSirayeli sokuba wowanika umhlaba. Ema kuloo mhlaba ke amaSirayeli akuba ewuthimbile.

44 Wezisa uxolo kulo lonke elo zwe uNdikhoyo, njengoko wabathembisayo ngesifungo ookhokho babo. Iintshaba zawo zonke zange zibe nakumelana nawo amaSirayeli kuba uNdikhoyo wayezinikela ezandleni zawo iintshaba zawo.

45 Wazigcina zonke izithembiso awazenza kumaSirayeli uNdikhoyo; ewe, akukho nalinye ilizwi alithethileyo angalifezekisanga.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24