Uyoshuwa 19 XHO96

Ummandla owabelwa uSimon

1 *Iqashiso lesibini laphumela isizwe sakwaSimon ngokwezindlu zaso. Ilifa laso lalikummandla wakwaJuda.

2 Umhlaba wakwaSimon wawuquka iBheshebha, iShebha, iMolada,

3 iHazare-shuwali, iBhala, ne-Ezem,

4 iEltoladi, iBhetuli, iHoma,

5 iZikelagi, iBhete-markabhoti, iHazare-susa,

6 iBhete-lebhawoti, kunye neSharuhen. Yayizizixeko ezilishumi linantathu kunye neelali ezazizingqongile.

7 Kwakukwakho neAyin, iRimon, iEtere, kunye neAshan; izixeko ezine kunye neelali ezizingqongileyo.

8 Zonke iilali ezazingqonge ezo zixeko zazikwalapho kude kuse eBhalati-bhere (ekuthiwa yiRama) kwintlango engasezantsi.Nguwo ke lowo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaSimon, waba lilifa lazo.

9 Umhlaba wakwaJuda inxalenye yawo yabelwa isizwe sakwaSimon ukuba ibe lilifa laso, kuba wawumkhulu ngaphezu kokuba isizwe sakwaJuda sasiwudinga.

Ummandla owabelwa uZebhulon

10 Ngesihlandlo sesithathu *iqashiso laphumela isizwe sakwaZebhulon ngokwezindlu zaso. Umda welifa lesi sizwe waya kuma ngeSaridi.

11 Ukusuka apho umda wacanda ngasentshona waya kutsho eMarala, wegqitha eDabhesheti nakwintlambo iYokeneham.

12 Kwicala elingaphaya kweSaridi wenjenjeya ukuya ngasempuma kumda weKiseloti-tabhore, wedlulela eDabherati ukusinga eYafiya.

13 Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha.

14 Umda ngasemantla wajika apho wasinga ngaseHanaton, waya kuma kwintili i-Ifeta-eli.

15 Wawuquka ezi zixeko: iKatati, iNalali, iShimron, i-Idala, kunye neBhetelehem. Yaba lishumi linambini lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.

16 Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaZebhulon.

Ummandla owabelwa uIsakare

17 Ngesesine isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaIsakare ngokwezindlu zaso.

18 Kummandla waso kwakukho izixeko iYizereli, iKesuloti, iShunem,

19 iHafarayim, iShiyon, iAnarati,

20 iRabhiti, iKishiyon, iEbheze,

21 neRemeti, iEn-ganim, iEn-hada, kunye neBhete-pazeze.

22 Lo mda wadibanisa iTabhore, iShazuma, kunye neBhete-shemeshe, uye kuma ngeJordan. Wawunezixeko ezilishumi linantandathu kunye neelali ezizingqongileyo.

23 Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaIsakare ukuze ube lilifa lazo.

Ummandla owabelwa uAshere

24 Ngesihlandlo sesihlanu *iqashiso laphumela isizwe sakwa-Ashere ngokwezindlu zaso.

25 Ummandla wesi sizwe wawuquka izixeko iHelekati, iHali, iBheten, neAkeshafi,

26 kwakunye neAlam-meleki, iAmadi, kunye neMishali. Ngasentshonalanga wawudlula eKarmele naseShikore-libhenati.

27 Ukujika kwawo ngasempumalanga wawusinga ngaseBhete-dagoni, udlule kwaZebhulon nakwintili i-Ifeta-eli ukubheka ngasentla eBhete-emeki naseNeyeli. Wenjenjeya ukunyuka ucanda ngasekunene kweKabhuli,

28 ujonge e-Ebron, eRehobhi, eHamon, naseKana, ukuya kutsho kwiSidon enkulu.

29 Wawujika apho ujonge eRama, ude uye kutsho kwisixeko saseTire esinqatyisiweyo, ujike ujonge ngaseHosa, uye kuma ngolwandle. Wawuquka iMahalabhi, iAkezibhi,

30 iUma, iAfeki, kunye neRehobhi. Yayingamashumi mabini nambini ezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.

31 Zazikummandla welifa lesizwe sakwa-Ashere ezi zixeko kunye neelali ezizingqongileyo.

Ummandla owabelwa uNafetali

32 Ngesesithandathu isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaNafetali ngokwezindlu zaso.

33 Umda waso wawusuka eHelefe uye kutsho kum-oki oseZananim, udlulele eAdami-nekebhe naseYabheneli kude kuse eLekum, uye kuma ngeJordan.

34 Apho wawufika ujonge ngasentshonalanga uye eAzenoti-tabhore, usuke apho uye eHukoki, ubethe ngakuZebhulon emazantsi, udlule kwa-Ashere ngasentshonalanga, naseJordan kwicala langasempumalanga.

35 Izixeko ezazinqatyisiwe yayiyiZidim, iZera, iHamati, iRakati, iKinerete,

36 iAdama, iRama, iHazore,

37 iKedeshe, iEdreyi, kunye ne-En-hazore,

38 iYiron, iMigdali-eli, iHorem, iBhete-anati, kunye neBhete-shemeshe. Yayilishumi linethoba lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.

39 Ezo zixeko kunye nezo lali zazikummandla owabelwa izindlu zesizwe sakwaNafetali zaba lilifa lazo.

Ummandla owabelwa uDan

40 Ngesesixhenxe isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaDan ngokwezindlu zaso.

41 Ummandla waso wawuquka iZora, iEshtawoli, i-Ire-shemeshe,

42 kunye neShalabhim, iAyalon, i-Itela,

43 iElon, neTimnata, kunye ne-Ekron,

44 uthathe ne-Elteke, iGibheton, iBhalata,

45 iYehudi, iBhene-bheraki, iGati-rimon,

46 iMeyakon, neRakon, kunye nommandla ojongene neJopa.

47 Athi akulahlekelwa ngumhlaba wawo amaDan aya kuhlasela iLeshem. Ayithimba yaba yeyawo akuba ebabulele abemi balapho. Ema apho, alijika negama layo iLeshem, athi ukuyibiza kwayo yiDan, eyithiya ngokhokho wawo uDan.

48 Ezi zixeko nezi lali zaba ngumhlaba owaba lilifa lesizwe sakwaDan.

Umhlaba owabelwa uYoshuwa

49 Athi akugqiba ukuwaba amaSirayeli umhlaba, abela uYoshuwa unyana kaNune elakhe ilifa

50 ngokomyalelo *kaNdikhoyo. Amnika iTimnata-sera, isixeko awasicelayo. ITimnata-sera yayikweleentaba kwaEfrayim. Wasivusa eso sixeko uYoshuwa, wahlala apho.

51 UElazare umbingeleli, ekunye noYoshuwa unyana kaNune, kwakunye neentloko zezindlu zezizwe zakwaSirayeli, babeyaba le mimandla ngokwenza *amaqashiso phambi koNdikhoyo eShilo ngasekungeneni *kwesibingelelo. Bawaba ke ngolo hlobo loo mhlaba bada bagqiba.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24