Uyoshuwa 17 XHO96

UManase ongasentshonalanga kweJordan

1 Inxalenye yomhlaba ongasentshonalanga kweJordan wabelwa ezinye izindlu zezindlu eziyinzala yonyana omkhulu kaJosefu uManase *ngamaqashiso. UMakire, uyise kaGiliyadi, wayengunyana omkhulu kaManase, umfo oligorha emfazweni. Yiyo ke loo nto wabelwa iGiliyadi neBhashan, ezingasempumalanga kweJordan.

2 Umhlaba ongasentshonalanga kweJordan wona wabelwa inxalenye yezindlu zesizwe sakwaManase: ooAbhiyezere, Heleki, Aseriyeli, Shekem, Hefere, noShemida. Aba ngokwezindlu zabo yayingabazukulwana abangamadoda bakaManase unyana kaJosefu.

3 UZelofehadi unyana kaHefere, ozalwa nguGiliyadi unyana kaMakire ozalwa nguManase, yena akazanga azale madoda, yaba ziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, noNowa, uHogela, noMilika, kunye noTirza.

4 Zaya kuElazare umbingeleli, bekunye noYoshuwa unyana kaNune kwaneenkokheli, zafika zathi: “*UNdikhoyo uyalele uMosis ngelithi nathi aze asabele umhlaba kunye nezizalwana zethu ezingamadoda.” Ke ngoko zawunikwa umhlaba kwanjenge-zizalwana zabo ezingamadoda njengoko uNdikhoyo wayetshilo.

5 Isizwe sakwaManase saba nezabelo ezilishumi nje ukongezelela kwiGiliyadi neBhashan engasempumalanga kweJordan,

6 kungenxa yokuba abazukulwana bakaManase abaziintombi nabangamadoda babelwa umhlaba. Umhlaba waseGiliyadi wona wabelwa enye inxalenye yabazukulwana bakaManase.

7 Ummandla wesizwe sakwaManase wawusuka eAshere use eMikemetati ngasempumalanga yeShekem. Umda wawusihla uye ngasezantsi, uquke bonke abantu base-En-tapuwa.

8 Umhlaba owawungqinge iTapuwa wawungowakwaManase, kodwa sona isixeko saseTapuwa esisemdeni sasisesenzala kaEfrayim.

9 Wawusihla loo mda ubheke ezantsi ngakwintlambo iKana. Izixeko ezingezantsi kwaloo ntlambo yayizezakwaEfrayim, nakuba zazikummandla wakwaManase nje. Umda wakwaManase wawucanda ngakwicala elingasentla kwaloo ntlambo, uye kuma ngolwandle.

10 Isizwe sakwaEfrayim sasingasezantsi, esakwaManase sona singasentla, ulwandle lungasentshona. UAshere wayemi ngasentla koManase, uIsakare emi ngasempuma.

11 Ngaphakathi kwemida yakwaIsakare nakwa-Ashere iBhete-shan kunye neIbleyam, neelali ezizingqongileyo, yayizezakwaManase, kwakunye neDore engaselwandle, ne-Endore, iTanaki, iMegido, kwaneelali ezizijikelezileyo.

12 Isizwe sakwaManase kambe asizanga sibe nako ukubagxotha abemi bezo zixeko, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala khona.

13 Naxa amaSirayeli selenamandla, akabanga nako ukuzithimba ezo zixeko zamaKanana, kambe awanyanzela ukuba abe zizicaka.

UEfrayim noManase ongasentshona kweJordan bacela ukongezwa umhlaba

14 Bathi kuYoshuwa abazukulwana bakaJosefu: “Ngani ukuba usinike isiqwenga sibe sinye somhlaba, ukanti sibaninzi kangaka ngenxa yokuthamsanqeliswa kunene *nguNdikhoyo?”

15 Wathi uYoshuwa: “Ukuba nibaninzi kangangokuba neleentaba lakwaEfrayim lingananeli, yiyani emahlathini, nifike nigece nizivulele umhlaba kwelamaPerezi namaRafa.”

16 Baphendula bathi: “Eliya leentaba aliphangalele kangangokuba lingasanela, kanti ke phaya ezintilini amaKanana aneenqwelo zentsimbi, la ahlala eBhete-shan nalawa ahlala kule ntili yeYizereli xa ewonke.”

17 Wathi uYoshuwa kubo: “Ngenene, ndlu kaJosefu, nina zinto zikaEfrayim nani zinto zikaManase, nibaninzi, yaye ninamandla. Niza kusongezwa isabelo senu.

18 Eleentaba lelenu, nditsho lilihlathi linjalo. Kufuneka niligece nime kulo lonke. AmaKanana wona kufuneka niwagxothe, nditsho enezo nqwelo zentsimbi, omelele enjalo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24