Uyoshuwa 18 XHO96

Ukwabiwa komhlaba osaseleyo

1 Ibandla lakwaSirayeli lahlangana eShilo, lamisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo apho. Naxa umhlaba wawuseluthinjiwe

2 kwakusekho izizwe zamaSirayeli ezisixhenxe ezazingekabelwa ilifa lazo.

3 Wabhekisa kumaSirayeli ke uYoshuwa wenjenje: “Niya kulibazisa kude kube nini ukuya kuthimba umhlaba enawunikwa nguNdikhoyo, uThixo wooyihlo-mkhulu?

4 Ndikhetheleni amadoda abe mathathu kwisizwe ngasinye, ndiwathume aye kulicanda ilizwe, abhale iinkcukacha zalo ngokwelifa lesizwe ngasinye. Kufuneka aphinde eze kum akugqiba.

5 Loo mhlaba ke uya kwabiwa wahlulwe ube ziziqwenga ezisixhenxe. UJuda wohlala ngezantsi kummandla wakhe, noJosefu wohlala kowakhe ummandla ngasentla.

6 Ze nizibhale iinkcukacha zezo ziphaluka zosixhenxe, nize nazo kum nakugqiba. Mna ke ndokwenza amaqashiso, ndiqonde umnqweno kaNdikhoyo uThixo wethu ngani.

7 AbaLevi bona abayi kwabelwa isabelo njengani; kaloku esabo isabelo kukuba ngababingeleli abakhonza uNdikhoyo. Zona ke izizwe zakwaGadi noRubhen nesiqingatha sikaManase sebelabelwe elabo ilifa phaya ngasempumalanga kweJordan, alinikwa nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.”

8 Anduluka ke loo madoda, aya kucanda umhlaba, emva kokuba uYoshuwa wayethe: “Ze niwujikeleze niwucande loo mhlaba, nizibhale iinkcukacha zawo, nibuye nize kum. Mna ndoqonda kuNdikhoyo ngokwenza *amaqashiso apha eShilo.”

9 Awujikeleza ke loo mhlaba loo madoda, abhala echaza ukuba awahlule njani waziziqwenga ezisixhenxe, enza noludwe lwezixeko. Babuyela kuYoshuwa esikhululweni eShilo.

10 UYoshuwa wenza amaqashiso phambi koNdikhoyo, waza ke wazabela izizwe zakwaSirayeli ebezingekabi namhlaba iziqwenga zomhlaba, ewaba ngokwezindlu zazo.

Ummandla owabelwa uBhenjamin

11 Kwaqala kwaphuma iqashiso lommandla wezindlu zesizwe sakwaBhenjamin. Umhlaba wabo wawumi phakathi kwesizwe sakwaJuda nesakwaJosefu.

12 Ngasentla umda wabo wawuqala eJordan, unyuke loo mathambeka angasentla kweJeriko, wenjenjeya ukusinga ngasentshona, utyhutyha eleentaba, uye kuma ngentlango iBhete-aven.

13 Wawunyuka ithambeka kwicala elingasezantsi eLuzi (yiBhetele ke leyo) uhle ubheke eAtaroti-adare entabeni engezantsi kweBhete-horon emzantsi.

14 Lo mda wawujika ujonge emazantsi usuka kwicala elingasentshonalanga yeleentaba, wenjenjeya ukusinga eKiriyati-bhali (iKiriyati-yarim) yesizwe sakwaJuda. Ngumda wangasentshona lo.

15 Umda wangasezantsi wawuqala ngasemaphethelweni eKiriyati-yarim ngasentshona, ubheke kumthombo waseNefetowa,

16 usuke apho uhle ubheke phantsi kwentaba ejonge kwintili yoonyana bakaHinom engasentla kwentili yamaRafa. Wawusuka apho uhle utyhutyhe loo ntili iHinom kwithambeka emazantsi esixeko samaJebhusi, ubheke ngase-En-rogele.

17 Uyajika ujonge emantla e-En-shemeshe, uze ugqithele eGeliloti ngakwinkalo yeAdumim. Ukusuka apho uyehla uye ngakwiLitye likaBhohan (uBhohan wayengunyana kaRubhen),

18 uze udlule ngasentla kwengxondorha ephezu kwaloo ntili yeJordan, uhle uye entilini,

19 uze udlule ngasentla kwengxingwa eBhete-hogela, uye kuphela ngasentla apho umlambo iJordan ungena khona kuLwandle oluFileyo. Lo ke yayingumda wangasezantsi.

20 IJordan yona yayingumda wangasempumalanga. Yiyo ke leyo imida yomhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaBhenjamin, walilifa lazo.

21 Izixeko zezindlu zesizwe sakwaBhenjamin zizo ezi: iJeriko, iBhete-hogela, iEmeki-kezizi,

22 iBhete-arabha, iZemarayim, iBhetele,

23 iHavim, iPara, iOfra,

24 iKefar-amoni, iOfeni, kunye neGebha. Yayilishumi elinambini lezixeko ezingqongwe ziilali.

25 Kwakukho neGibheyon, iRama, iBheroti,

26 iMizpa, iKefira, iMoza,

27 iRekem, i-Irpeli, iTarala,

28 iZela, iHayelefe, nesixeko samaJebhusi (oko kukuthi iJerusalem), kwakunye neGibheya, neKiriyati-yarim. Yayilishumi elinesine lezo zixeko ezazingqongwe ziilali.Nguwo ke lowo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaBhenjamin.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24