Uyoshuwa 1 XHO96

UYoshuwa uyálelwa ukuba athimbe iKanana

1 Akuba ebhubhile uMosis, isicaka *sikaNdikhoyo, uNdikhoyo wabhekisa kuYoshuwa unyana kaNune owayesisandla sikaMosis,

2 wathi: “UMosis, isicaka sam, ubhubhile. Ke wena namaSirayeli ephela wuweleni umlambo iJordan, niye kwelo lizwe ndininika lona.

3 Indawo nganye eniya kunyathela kuyo ndininika yona njengoko ndamthembisayo uMosis.

4 Imida yenu yosuka ezantsi entlango, iye kuma ngeentaba zaseLebhanon emantla, isuke empumalanga kumlambo iEfrati, ibandakanye ummandla wamaHeti, iye kuthi gaa ngolwandle entshonalanga.

5 Akukho namnye uya kumelana nawe yonke imihla yokudla kwakho ubomi. Ndiya kuhlala ndisecaleni kwakho njengoko bendenjenjalo nakuMosis. Andiyi kukuyekela; andiyi kukushiya.

6 Yomelela, ukhaliphe, kuba uza kubangenisa aba bantu kweli lizwe endithembise ooyise-mkhulu ngesifungo ukuba loba lilifa labo.

7 Yomelela ke, ukhaliphe kunene! Uze unyamekele ukuwuthobela wonke umthetho owuwiselwe nguMosis isicaka sam. Khon' ukuze ube nempumelelo naphi na apho uya khona, ungàze uphambuke kuwo nakancinane.

8 Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.

9 Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”

UYoshuwa uxelela abantu ukuba mabazilungiselele

10 UYoshuwa uyalele iinduna zakhe, wathi:

11 “Tyhutyhani umzi, nixelele amaSirayeli ukuba alungise umphako wendlela, kuba kuza kuhanjwa emva kweentsuku ezintathu, kuwelwe iJordan, kuthinjwe ilizwe enilinikwe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuze libe lelenu.”

12 UYoshuwa wathetha nesizwe sakwaRubhen nesakwaGadi nenxalenye yesizwe sakwaManase, wathi:

13 “Ze nikhumbule ukuba uMosis, isicaka sikaNdikhoyo, wathi uNdikhoyo uThixo wenu uninika lo mhlaba ungasempumalanga kweJordan ukuba ube ngowenu, niphumle kuwo.

14 Abafazi benu nabantwana nemfuyo banokusala ngasempuma kweJordan, kodwa amadoda omkhosi kufuneka axhobe, awele kuqala kunamanye amaSirayeli, aye kuwanceda

15 ade awuthimbe umhlaba ongasentshonalanga yeJordan awunikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ukuze ube ngowawo aphumle kuwo. Kuya kuthi ke akuba nendawo yokuphumla eyeyawo njengani, nani nibuyele emakhaya kumhlaba ongasempumalanga kweJordan eniwabelwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.”

16 Bathi kuYoshuwa: “Soyenza yonke into osiyalele ukuba siyenze, siye naphi na apho uthi masiye khona.

17 Sokuthobela kanye ngalaa ndlela sasithobela uMosis ngayo. Akwaba uNdikhoyo uThixo wakunceda njengoko wamncedayo uMosis.

18 Nabani na ophikisana nawe, angawathobeli amazwi akho, angenzi nantoni na usiyalelayo, wobulawa. Nto nje yomelela wena, ukhaliphe!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24