Uhlaziyo-Mnqophiso 34 XHO96

Ukufa kukaMosis

1 Ke kaloku uMosis wesuka kuloo mathafa aseMowabhi, wenyuka intaba iNebho, waya kutsho kuloo ncopho kuthiwa yiPisga imalunga neJeriko. Wathi elapho ke *uNdikhoyo wambonisa lonke elo lizwe: ummandla waseGiliyadi ukunyuka ukuya kutsho kwaDan;

2 nawo wonke umhlaba wakwaNafetali; imimandla yakwaEfrayim nakwaManase, nowakwaJuda ukuya kuthi xhaxhe ngolwandle;

3 ngokunjalo namazantsi akwaJuda; neso sithabazi samathafa ukusuka eZoware ukuya kuma ngeJeriko isixeko samasundu.

4 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Nanko ke umhlaba endathembisa ngawo ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi ndakuze ndiwunike abazukulwana babo. Ndifuna uwubone nje, kuba wena ngokwakho awuzukuya kungena kuwo.”

5 Ngenene ke uMosis isicaka sikaNdikhoyo wafela apho kumhlaba waseMowabhi ngokomlomo kaNdikhoyo.

6 UNdikhoyo wamngcwaba apho kwiintili zaseMowabhi malunga nedolophu iBhete-pehore. Kambe ke akukho bani uyazi ncam indawo elikuyo ingcwaba lakhe unanamhla.

7 Ukufa kwakhe uMosis wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka, kodwa esomelele, engabikwa hlaba, namehlo akhe engekabi nalo norhatyazo.

8 AmaSirayeli amzilela iintsuku ezimashumi mathathu apho kuloo mathafa aseMowabhi. Zaba ke zifezekile iintsuku zokuzila.

9 UYoshuwa unyana kaNune wazaliswa bubulumko nokuqonda, kuba kaloku uMosis wambeka izandla emngenisa ezihlangwini zakhe. NamaSirayeli ke amthobela uYoshuwa, enza ngokwemiyalelo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo.

10 KwaSirayeli ke akuphindanga kuvele *mshumayeli unjengoMosis, owazana noNdikhoyo ubuso ngobuso.

11 Akukho mshumayeli wumbi wakha wenza imiqondiso nemimangaliso enjengaleyo uMosis wayethunywa nguNdikhoyo ukuba ayenze kwelaseJiputa kukumkani wakhona namaphakathi akhe,

12 kungekho namshumayeli wakha wabonakalisa imisebenzi yamandla ngendlela erhwaqelisa njengaleyo wasebenza ngayo uMosis phakathi kwamaSirayeli jikelele.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34